4 Kaloku nithakazelela nabani na oza kuni anishumayeze uKrestu ongomnye, ongenguye lo ndamshumayelayo; nize ninyamazele nabani na oza nomoya ongenguye lo namnikwayo. Namkela neendaba ezinxamnye neendaba ezimnandi enazifumana kuthi.
5 Akukho nto ndisilela ngayo kwabo bathunywa benu baxabisekileyo!
6 Kungenzeka ukuba andilociko ekuthetheni, kodwa ke ndinalo lona ulwazi. Iye yacaca le nto kuni amaxesha ngamaxesha naphantsi kweemeko ngeemeko.
7 Ngokuya ndandinishumayeza iindaba ezimnandi zikaThixo zange ndinihlawulise nento le; ndazithoba mna ukuze nizimaseke nina. Ngaba ndona ngokwenjenjalo?
8 Ngokuya ndandisebenza phakathi kwenu ndandibonelelwa ngamanye amabandla. Ngenye indlela ndandiwaqhatha ukuze ndincede nina.
9 Ngelo xesha ndandinani andizange ndinikhathaze ngakufuna nto kuni xa ndandiswele imali. Amakholwa awayevela eMakedoni andiphathela yonke into endandiyiswele. Njengakwixesha elidlulileyo, koba njalo nakwelizayo: andisoze ndibe ngumthwalo kuni!
10 Ndithetha ndingokaKrestu nje, eli qhayiya ndinalo lokuba ndingengomthwalo kuni aliyi kunqandwa bani kulo lonke elaseAkaya.