1 Ndiya kuqhayisa ke khona, nakuba loo nto ingancedi nje. Ndiza kubalisa ngemibono nangezityhilelo zeNkosi.
2 Kukho mfo uthile womKrestu owathi kwiminyaka elishumi elinane eyadlulayo, wathwetyulelwa phezulu ezulwini. (Andazi phofu nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje; kwazi uThixo kuphela.)
3-4 Ndiyaphinda ndithi loo mfo wathwetyulelwa ezulwini. (Ndiphinde ndithi kwakhona nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje, andazi; kwazi uThixo kuphela.) Wathwetyulelwa apho akhoyo uThixo. Apho ke weva amazwi angathethekiyo, ekungavumelekanga nokuba athethwe mntu.
5 Nguloo mfo ke lo ndiza kuqhayisa ngaye. Mna andizi kuzingca nganto ngaphandle nje kwezo zibonakalisa ubuthathaka bam.
6 Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.