1 Eli liza kuba lixesha lesithathu ndinityelela. “Nasiphi na isityholo kufuneka simiswe ngamangqina amabini okanye amathathu,” njengoko zisitsho *iziBhalo.
2 Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni.
3 Nithi nifuna ukuqinisekiswa ukuba uKrestu uyathetha ngam. Nimazi engelobhetye-bhetye, kodwa enamandla phakathi kwenu.
4 Kuba nakuba wabulawa emnqamlezweni enenxaxheba kubuthathaka bethu, udla ubomi ngamandla kaThixo. Ngoko ke ndibuthathaka kuba ndimanywe naye, kodwa ndiyakudla ubomi naye ngamandla kaThixo. Iya kucaca ke loo nto kuni.
5 Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.
6 Ndiyathemba ukuba niya kuqonda ukuba ndiphumelele mna.