10 Yiyo le nto ndibhala ngoku ndingekezi apho kuni. Ndenzela ukuba ze ndithi ndakufika apho ndinganiphathi gadalala, ndisebenzisa igunya endalinikwa yiNkosi – igunya lokunakha, ingelilo elokuniwisa.
11 Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.
12 Bulisanani ngokwamakholwa. Bonke abantu bakaThixo bayanibulisa.
13 Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.