4 Kuba nakuba wabulawa emnqamlezweni enenxaxheba kubuthathaka bethu, udla ubomi ngamandla kaThixo. Ngoko ke ndibuthathaka kuba ndimanywe naye, kodwa ndiyakudla ubomi naye ngamandla kaThixo. Iya kucaca ke loo nto kuni.
5 Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.
6 Ndiyathemba ukuba niya kuqonda ukuba ndiphumelele mna.
7 Ndithandaza kuThixo ukuba ningoni tu – kungekuko ukubonakalisa impumelelo yam, kodwa kukuze nenze oko kulungileyo, nangona mna ndinga ngathi ndoyisiwe.
8 Kaloku mna andiyenzi into ephikisana nenyaniso, kuba ndingakuyo inyaniso.
9 Ndiyavuya mna xa ndibuthathaka nibe ke nina nomelele. Ngoko ke ndithandazela ukuba ningabi nampazamo.
10 Yiyo le nto ndibhala ngoku ndingekezi apho kuni. Ndenzela ukuba ze ndithi ndakufika apho ndinganiphathi gadalala, ndisebenzisa igunya endalinikwa yiNkosi – igunya lokunakha, ingelilo elokuniwisa.