1 Ngoko ke uThixo ngenceba yakhe usinike ubizo lokumsebenzela; yiyo loo nto ke singethi mandla.
2 Ngapha koko sisuka siyilahle imikhwa elihlazo, sibutyeshele ubuqhetseba, nelizwi likaThixo singaligqwethi. Koko sisuka siziyaleze ngokuthetha inyaniso, singafihlisi, kumntu wonke onesazela. Senjenjalo ke phambi koThixo.
3 Kaloku ukuba iindaba ezimnandi esizishumayelayo azicacanga, koba azicacanga kuphela kwabo baya kwantshabalalo.
4 Bona àbakholwa kaloku, kuba ingqiqo yabo yenziwe mfiliba sisigqubuthelo abasifakwe ngulo uzenza uthixo weli phakade. Silisithile kaloku esi sigqubuthelo ilitha lokukhanya kweendaba ezimnandi ezivakalisa isidima sikaKrestu, ongumceph' ucandiwe noThixo.
5 Kakade asishumayeli thina ziqu; sishumayela ukuba uKrestu yiNkosi; thina ke sizizicaka zenu ngenxa yakhe.
6 UThixo owathi: “Makuvele ukukhanya ebumnyameni,” usekwanguye okhanyisela iingqondo zethu, etyhila ukwaziwa kobume bakhe obubonakala kuKrestu siqu.
7 Kambe ke obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze kucace ukuba amandla ancamisayo ngakaThixo, akangowethu.