1 Ngoko ke njengabo basebenzisana noThixo siyanibongoza ukuba ningathi kanti ubabalo lukaThixo nilwamkelele ilize.
2 Kaloku uthi uThixo:“Ndasabela ngomhla okholekileyo,ndakunceda ngomhla wokusindiswa kwakho.”Khangela ke, nguwo lo umhla okholekileyo, yiyo le imini yokusindiswa!
3 Ukuze umsebenzi wethu ungabekwa bala, siyaziphepha izinto ezinokukhubekisa nabani na.
4 Ewe, kuyo yonke imicimbi siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo, ngokunyamezela sisezinkathazweni – sisezimbandezelweni nasebunzimeni asityhafi:
5 noba siyabethwa, nditsho sesifakwa ezintolongweni, noba siphakathi kwezidubedube, nditsho sesisetyenziswa ngaphezu kwamandla ethu, naxa singalali okanye singatyi.
6 Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo;
7 ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi.