8 Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso;
9 ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko;
10 nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
11 Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.
12 Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.
13 Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!
14 Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?