11 Khanibone into anenzele yona uThixo ngentlungu yenu: nitsho nanenyameko, nafuna nokuzihlamba ibala lesityholo, nakhathazeka, nanomothuko, nalangazelela nokundibona, natshiseka, nakuqonda nokohlwaya isono. Nibonakalise ngeendlela zonke ukuba aninabala kulo mbandela.
12 Naxa ke ndayibhalayo incwadi leyo kwakungengakuba ndandiyibhala ngenxa kabani owonileyo okanye ubani owoniweyo. Injongo yam ekuyibhaleni yayikukuba ndinibonise mhlophe phambi koThixo indlela enizikhathaza ngayo ngam.
13 Indivuselele kanobom ke loo nto.Andivuselelekanga nje kuphela, koko ndivuyiswa nangakumbi yindlela enanimphethe ngayo uTito xa ninonke, nimenza onwabe.
14 Ndakha ndamqhayisela ngani, nani ke anindiphoxanga. Bendisoloko ndithetha inyaniso kuni ngawo onke amaxesha, ngokunjalo ke nokuqhayisa kwam kuTito akubanga bubuxoki.
15 Naye uya enithanda ngakumbi, ebangwa ziinkumbulo zokumthobela kwenu, nimphethe kakuhle ngembeko noloyiko.
16 Ndonwabe kwaphela kuba ndinebhongo lokuba ndinganithemba ngokupheleleyo.