5 Lukwanjalo ke nalo ulwimi, nakuba luluncinci kangaka nje – luyagwagwisa kakhulu.Mhlawumbi makhe senze umzekelo ngehlathi: noba selilikhulu kangakanani na lingátshiswa yintlantsana nje yomlilo.
6 Nalo ke ulwimi lufana nqwa nomlilo; lululwandle lobubi. Lulelinye lamalungu omzimba wethu nje luphembelela ububi kubume bethu buphela. Ubomi bethu buphela libuntumeka ngomlilo eliwuthatha esihogweni.
7 Uluntu luyakwazi ukuzilulamisa zonke iintlobo zezidalwa – ezizitho zine kwaneentaka, ezirhubuluzayo kwanezaselwandle – yaye lukholisile ukwenjenjalo.
8 Kodwa akukho mntu ukwaziyo ukululawula ulwimi. Luyinkathazo engalawulekiyo, futhi luyityhefu.
9 Sisebenzisa lona xa sibonga sibulela iNkosi uTata wethu, ukanti sibaqalekisa kwangalo nabantu abadalwe bafuza uThixo.
10 Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!
11 Kaloku akwenzeki ukuba kumpompoze amanzi amnandi namtyuba mthonjeni mnye.