1 Yintoni edala iimfazwe neengxabano apha phakathi kwenu? Ngokuqinisekileyo zivela kwiinkanuko zenu ezisoloko zisenza imizabalazo ngaphakathi kwenu.
2 Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.
3 Noba sowude wathandaza ucela, awuzuzi, kuba kaloku iinjongo zakho zimbi, ufuna nje ukufezekisa iinkanuko zakho.
4 Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.
5 Mhlawumbi ngaba nicinga ukuba iziBhalo ziyalavuza xa zisithi: “UMoya esimnikiweyo uyakhweleta”?
6 Kodwa ke sona isisa asinika sona uThixo singaphezulu. Zitsho neziBhalo ukuthi: “UThixo uyabachasa abanekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.”
7 Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.