15 Mawethu, makhe ndininike umzekelo oqhelekileyo. Xa kukho umnqophiso ogqityiweyo akukho bani unokuwujika okanye awongeze.
16 Ngoku ke uThixo wênza izithembiso kuAbraham nakumzukulwana wakhe. *IziBhalo azitsho kuAbraham ukuthi “kwinzala yakho,” ngokungathi zithetha ngabantu abaninzi, kodwa zithi “kumzukulwana wakho,” zithetha ngomntu omnye qha, onguKrestu.
17 Xa nditshoyo ke ndithi umnqophiso ogqitywe nguThixo awunakujikwa ngumthetho ofike emva kwamakhulu amane anamashumi amathathu eminyaka ukho umnqophiso, ungenako nokusitshitshisa isithembiso sikaThixo.
18 Kaloku, ukuba ngaba ilifa lixhomekeke emthethweni, loo nto ithetha ukuba alizuzwa ngokwesithembiso, ibe ke kodwa uAbraham walinikwa nguThixo ngesithembiso.
19 Yaye iyintoni ke injongo yomthetho? Wona wahlonyelelwa ukuze ucacise isigqitho, lo gama angekafiki umzukulwana ka-Abraham esasenzelwe yena isithembiso. Umthetho wanikelwa zizithunywa, kukho unozakuzaku.
20 Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.
21 Ngaba ke le nto ithetha ukuba umthetho uchasene nezithembiso zikaThixo? Hayi khona, soze! Kaloku ukuba wawumiselwe umthetho onako ukubadlisa ubomi abantu, ngewawubenze bangamalungisa kuThixo.