7 Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.
8 Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.
9 Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
10 Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.
11 Niyawabona la magama makhulu? Kubhala mna ngoku, ngesandla sam.
12 Ngabo baqhayisa ngezinto zembonakalo yangaphandle, abo baninyanzela ngokwaluka. Into abayifunayo kuphela kukuzama ukuphepha ukutshutshiswa ngenxa yomnqamlezo kaYesu Krestu.
13 Kuba nkqu nabo balukayo abawuthobeli ncam umthetho; bafuna nje ukuba naluke ukuze baqhayise ngento yokuba nilenzile isiko – eliyinto nje yangaphandle!