1 Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza;
2 nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
3 Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.
4 Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
5 INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye.