13 Kodwa ke xa zisekukhanyeni zonke izinto, ziyacaca into eziyiyo;
14 kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;uKrestu wokukhanyisela.”
15 Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha.
16 Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.
17 Musani ukuba zizidenge ke; nina zamani ukuqonda ukuthanda kweNkosi.
18 Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele,
19 nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo.