5 Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni, ninentlonipho, niqhutywa kukunyaniseka, ngokungathi nikhonza uKrestu ngenkqu.
6 Ningatshakazi nenze izinto ngenjongo yokuzithandekisa ebantwini, koko yenzani ukuthanda kukaThixo ngomxhelo wenu wonke, njengezicaka zikaKrestu.
7 Umsebenzi wenu wenzeni ngemincili, ngokungathi niwenzela iNkosi, aniwenzeli mntu.
8 Ze nikhumbule ukuba umntu ngamnye uya kuvuzwa yiNkosi ngomsebenzi omhle, nokuba loo mntu sisicaka nokuba akasiso.
9 Nani baphathi yenzani kwangokunjalo ngokubhekiselele kwizicaka zenu. Yekani ukusoloko nizigrogrisa. Khumbulani ukuba nina kwakunye nezicaka zenu ningabeNkosi enye esezulwini, egweba wonke umntu ingenamkhethe.
10 Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.
11 Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.