6 Wenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wameyisa, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba amse eBhabheli.
7 UNebhuka denetsare wayisa inxenye yempahla yendlu kaYehova eBhabheli, wayibeka etempileni yakhe eBhabheli.
8 Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, nanko kubhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Waba ngukumkani uYehoyakin, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
9 UYehoyakin ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu ezineentsuku ezilishumi engukumkani eYerusalem; wenza okubi phambi koYehova.
10 Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.
11 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem.
12 Wenza okubi phambi koYehova uThixo wakhe, akazithoba ebusweni bukaYeremiya umprofeti, obethetha okwasemlonyeni kaYehova.