17 Wathi, Lelani na elaa litye lithe nkqampu ndilibonayo? Athi kuye amadoda aloo mzi, Lingcwaba lomfo wakwaThixo, owavela kwaYuda, wamemeza ezi zinto ùzenzileyo kwisibingelelo saseBheteli.
18 Wathi, Myekeni; makangashukunyiswa mntu amathambo akhe. Bawasindisa ke amathambo akhe, namathambo omprofeti owavela kwaSamari.
19 Kananjalo zonke izindlu zezigánga, ezibe zisemizini yakwaSamari, abazenzáyo ookumkani bamaSirayeli ukuba bamqumbise uYehova, wazisusa uYosiya; wenza kuzo ngokwezenzo zonke awazenzayo eBheteli.
20 Wababingelela bonke ababingeleli bezigánga ababekhona, phezu kwezibingelelo; watshisa amathambo abantu phezu kwazo. Wabuya ke weza eYerusalem.
21 Ukumkani wabawisela umthetho abantu bonke, wathi, Yenzani ipasika kuYehova, uThixo wenu, ngoko kubhaliweyo encwadini yalo mnqophiso.
22 Ngokuba bekungazanga kwenziwe pasika ngokwale pasika, kususela kwimihla yabagwebi ababelawula amaSirayeli, nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli, nookumkani bakwaYuda.
23 Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukwenziwa kwale pasika kuYehova eYerusalem.