10 Wathi ukumkani, Othetha into kuwe, mzise kum; akasayi kuphinda akuchukumise.
11 Yathi, Ukumkani makhe amkhumbule uYehova uThixo wakhe, ukuze umphindezeli wegazi angakwandisi ukonakalisa, bangamtshabalalisi unyana wam. Wathi ke yena, Ehleli nje uYehova, akuyi kuwa nalunye unwele lonyana wakho emhlabeni.
12 Yathi inkazana, Makhe athethe ilizwi umkhonzazana wakho enkosini yam ukumkani.
13 Wathi yena, Thetha. Yathi inkazana leyo, Yini na ke ukuba ucinge into enjalo ngabantu bakaThixo? Ngokulithetha eli lizwi, ukumkani unjengonetyala, engambuyisi nje ukumkani umgxothwa wakhe.
14 Ngokuba simelwe kukufa, sinjengamanzi aphaleleyo emhlabeni, angenakuhlanganiswa; noThixo akasusi mphefumlo, ufuna icebo, ukuze angamgxothi kuye umgxothwa.
15 Le nto ndize kulithetha kukumkani inkosi yam eli lizwi ndenzé kuba abantu aba bendoyikisile; wathi ke umkhonzazana wakho, Makhe ndithethe kukumkani, mhlawumbi ukumkani angalenza ilizwi lomkhonzazana wakhe.
16 Ngokuba wóva ukumkani, amhlangule umkhonzazana wakhe esandleni sale ndoda iza kunditshabalalisa mna, kunye nonyana wam elifeni likaThixo.