2 Yazini ke namhla; ngokuba andithethi noonyana benu abangakwazanga, abangakubonanga ukuqeqesha kukaYehova uThixo wenu, ubukhulu bakhe, nesandla sakhe esithe nkqi, nengalo yakhe eyolukileyo, nemiqondiso yakhe,
3 nezenzo zakhe abezenzile phakathi kweYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwilizwe lakhe lonke;
4 noko wakwenzayo empini yamaYiputa, emahasheni ayo, nasezingqwelweni zayo zokulwa; oko wahambisa amanzi oLwandle oluBomvu* phezu kwayo, ekunisukeleni kwayo, wayicima uYehova unanamhla;
5 noko wakwenzayo kuni entlango, nada nafika kule ndawo;
6 noko wakwenzayo kooDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi unyana kaRubhen; ukuba umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, neentente zabo, nento yonke ephilileyo eyabalandelayo, àbabakho phakathi kwamaSirayeli onke.
7 Ngokuba amehlo enu azibonile zonke izenzo zikaYehova ezikhulu awazenzayo.
8 Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilimé ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe;