3 nezenzo zakhe abezenzile phakathi kweYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwilizwe lakhe lonke;
4 noko wakwenzayo empini yamaYiputa, emahasheni ayo, nasezingqwelweni zayo zokulwa; oko wahambisa amanzi oLwandle oluBomvu* phezu kwayo, ekunisukeleni kwayo, wayicima uYehova unanamhla;
5 noko wakwenzayo kuni entlango, nada nafika kule ndawo;
6 noko wakwenzayo kooDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi unyana kaRubhen; ukuba umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, neentente zabo, nento yonke ephilileyo eyabalandelayo, àbabakho phakathi kwamaSirayeli onke.
7 Ngokuba amehlo enu azibonile zonke izenzo zikaYehova ezikhulu awazenzayo.
8 Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilimé ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe;
9 ukuze niyolule imihla yenu emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wowunika bona nembewu yabo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.