12 Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshàyele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;
13 bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.
14 Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiya kuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:
15 Wòzimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.
16 Kodwa makangàzandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela.
17 Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide.
18 Wóthi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yaló myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi.