28 Ukudla wòndithengela ngemali ndidle, namanzi wòndinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo;
29 njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu.
30 Àkavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.
31 Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.
32 Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa.
33 UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke.
34 Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; àsasalisa namanye usindayo.