12 Ukuba indoda ithe yaba iswele, uze ungalali unesibambiso sayo;
13 wosibuyisela kuyo isibambiso eso ukutshona kwelanga, ilale ngengubo yayo, ikusikelele, ube nobulungisa phambi koYehova uThixo wakho.
14 Uze ungamcudisi umqeshwa ongaba uswele, olihlwempu, nokuba ngowabazalwana bakho, nokuba ngowabaphambukeli bakho abasezweni lakho, emasangweni akho.
15 Ngemini yakhe wòmnika umvuzo wakhe, lingatshoni ilanga usekuwe; ngokuba eswele, ewumise umphefumlo wakhe kuwo; hleze akhale ngawe kuYehova, oko ke kube sisono kuwe.
16 Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe.
17 Uze ungasijiki isigwebo sowasemzini nesenkedama; ungayenzi isibambiso ingubo yomhlolokazi.
18 Khumbula ukuba ube ulikhoboka eYiputa. UYehova uThixo wakho wakukhulula khona; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.