16 Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
17 Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
18 Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.
19 Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.
20 Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.
21 Uqalekisiwe olala nantoni ezitho ziné; bathi bonke abantu, Amen.
22 Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.