16 ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulimé.
17 Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza:
18 ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.
19 Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeké phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;
20 ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.