3 NguYehova uThixo wakho owela phambi kwakho; wózitshabalalisa ezo ntlanga phambi kwakho, uzithimbe. NguYoshuwa owela phambi kwakho, njengoko wathethayo uYehova.
4 Úya kwenza uYehova kuzo njengoko wenzayo kuSihon nakuOgi, ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo, awabatshabalalisayo;
5 azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo.
6 Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.
7 UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa.
8 NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
9 Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke.