5 azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo.
6 Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.
7 UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa.
8 NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
9 Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke.
10 UMoses wabawisela umthetho, esithi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka woyekelelo, emthendelekweni weminquba,
11 ekuzeni kubonakala kwamaSirayeli onke phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula, wòwulesa lo myalelo phambi kwamaSirayeli onke ezindlebeni zawo.