16 Bamkhweletisa ngoothixo basemzini,Bamqumbisa ngamasikizi.
17 Babingelela kwiidemon ezingeThixo,Koothixo abangabaziyo,Kwabatsha abasandula ukufika,Ababengabahlonele ooyihlo.
18 ILiwa elakuzalayo walihilizela,Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.
19 Wabona uYehova, wabalahla,Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
20 Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo,Ndibòne ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo;Ngokuba basisizukulwana sempenduka,Ngoonyana abangenantembeko.
21 Bona bandikhweletisa ngongeThixo,Bandiqumbisa ngamampunge abo.Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu,Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
22 Ngokuba kuphenjwé umlilo emathatheni am;Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo,Ulidle ihlabathi neendyebo zalo,Uvuthise iziseko zeentaba.