18 ILiwa elakuzalayo walihilizela,Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.
19 Wabona uYehova, wabalahla,Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
20 Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo,Ndibòne ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo;Ngokuba basisizukulwana sempenduka,Ngoonyana abangenantembeko.
21 Bona bandikhweletisa ngongeThixo,Bandiqumbisa ngamampunge abo.Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu,Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
22 Ngokuba kuphenjwé umlilo emathatheni am;Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo,Ulidle ihlabathi neendyebo zalo,Uvuthise iziseko zeentaba.
23 Ndiya kufumba ububi phezu kwabo,Iintolo zam ndiziphelelisele kubo;
24 Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala,Nembubhiso ekrakra.Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa,Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.