9 Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe,UYakobi licandelo lelifa lakhe.
10 Wamfumana ezweni eliyintlango,Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo;Wamwola, wamondla,Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.
11 Njengokhozi lususela,Lundanda phezu kwamathole alo,Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha,Wamthwala ngamaphiko akhe.
12 Wamkhokela uYehova yedwa,Engenathixo wolunye uhlanga naye.
13 Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi;Wadla ke iziveliso zamasimi;Wammunyisa ubusi engxondorheni,Neoli eweni leqhwitha;
14 Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane,Kunye namanqatha eemvana;Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan, neebhokhwe,Kunye namanqatha ezintso zengqolowa;Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.
15 Watyeba ke uYeshurun, wakhaba;Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi;Wamlahla uThixo owamenzayo,Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.