11 nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga; namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha:
12 uzigcine, hleze umlibale uYehova okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
13 UYehova uThixo wakho ùze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.
14 Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo;
15 ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.
16 Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.
17 Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo;