1 Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulimé, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe,
2 wazinikela kuwe uYehova uThixo wakho: uze uzixabele, uzisingele phantsi kuphele; ungenzi mnqophiso nazo, ungazisizeli.
3 Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho;
4 kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya.
5 Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera* bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo.
6 Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; úninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.
7 Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke.