15 UYehova wósusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; úya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.
16 Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungábakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe.
17 Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqopha? uze ungazoyiki.
18 Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke;
19 izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Úya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.
20 Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe.
21 Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo.