5 Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera* bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo.
6 Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; úninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.
7 Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke.
8 Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
9 Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana;
10 obabuyekezayo abamthiyayo ebusweni babo, ukuba abatshabalalise. Akalibali ukumbuyekeza omthiyayo; uya kumbuyekeza ebusweni bakhe.
11 Wugcine ke umthetho, nemimiselo, namasiko, endikuwisela wona namhla, ukuba uwenze.