2 Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mané entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba wòyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.
3 Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana,* into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.
4 Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mané.
5 Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;
6 uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.
7 Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;
8 ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;