14 Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;
15 kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhùlule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;
16 ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.
17 Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo àkabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
18 UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu.*Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.
19 UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
20 Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.