16 Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba né, neziseko zaso zibe ziné.
17 Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba neminqiwu yesilivere; amagwegwe ayo abe ngawesilivere, neziseko zazo zibe zezobhedu.
18 Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu; ububanzi buhambe buba ngamashumi omahlanu, amashumi omahlanu; ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu zelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; iziseko zazo zibe zezobhedu.
19 Zonke iimpahla zomnquba, ekusetyenzweni kwawo konke, nezikhonkwane zawo zonke, nezikhonkwane zonke zentendelezo, zoba zezobhedu.
20 Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke,
21 ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.