4 Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.
5 UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.
6 Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.
7 Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.
8 UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.
9 Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli;* ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
10 Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.