Igenesis 15 XHO75

UThixo uthembisa uAbram ngendlamafa nangelizwe lakwaKanan

1 Emveni kwezo zinto, lafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.

2 Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.

3 Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.

4 Nâlo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakho, yena oya kuba yindlamafa yakho.

5 Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.

6 Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.

Idinga lizinyaswa ngomnqophiso

7 Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.

8 Wathi yena, Nkosi, Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?

9 Wathi kuye, Ndíthabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu.

10 Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.

11 Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.

12 Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabona efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.

13 Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mané.

14 Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.

15 Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.

16 Kwesesiné isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.

17 Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.

18 Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyiniké eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati:

19 amaKeni, namaKinazi, namaKadimon,

20 namaHeti, namaPerizi, namaRafa,

21 nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50