Igenesis 20 XHO75

UAbraham ukhanyela ukuba uSara ungumkakhe

1 Ke kaloku uAbraham wanduluka apho, waya ezweni lasezantsi, wahlala phakathi kweKadeshe neShure, waphambukela eGerare.

2 Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.

3 Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Ùyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.

4 Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wòlubulala, yini na?

5 Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenzé ngentliziyo yam ígqibelele, nangezandla zam zímsulwa.

6 Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenzé le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.

7 Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yókuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba ùya kufa, wena nabo bonke onabo.

8 Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.

9 UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikoné ngantoni na, ukuba undizisele mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenzé kum izenzo ezingezakwenziwa.

10 Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?

11 Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.

12 Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.

13 Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.

14 UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.

15 Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.

16 Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke abanawe; naphakathi kwabo bonke úgwetyelwe.

17 Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.

18 Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50