Igenesis 7 XHO75

Unogumbe

1 Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana.

2 Kwizinto zonke ezizitho ziné ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho ziné eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;

3 nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.

4 Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndíze ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mané nobusuku obumashumi mané, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.

5 Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.

6 UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.

7 Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.

8 Kuzo izinto ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho ziné eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,

9 kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.

10 Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.

11 Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.

12 Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané.

13 Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.

14 Bòna, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho ziné ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo,

15 ezinamaphiko, zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.

16 Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.

17 Yaba ngunogumbe imihla emashumi mané ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.

18 Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.

19 Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.

20 Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite* ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.

21 Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.

22 Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.

23 Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.

24 Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50