Igenesis 5 XHO75

Inzala ka-Adam kude kuye kuma kuNowa

1 Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.

2 Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam,* mhlana wabadala.

3 UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.

4 Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.

5 Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.

6 USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.

7 USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.

8 Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.

9 UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.

10 UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.

11 Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.

12 UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.

13 UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mané: wazala oonyana neentombi.

14 Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.

15 UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.

16 UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.

17 Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo, anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.

18 UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.

19 UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.

20 Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamibini; wafa ke.

21 UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.

22 UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.

23 Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.

24 UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.

25 UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.

26 UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana neentombi.

27 Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.

28 ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.

29 Wamthiya igama elinguNowa,* esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.

30 ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakhulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.

31 Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.

32 Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50