Igenesis 16 XHO75

Intsabo kaHagare emka kuSarayi; ukuzalwa kukaIshmayeli

1 Ke kaloku uSarayi umka-Abram ubengamzaleli mntwana. Waye enomkhonzazana ongumYiputazana, ogama belinguHagare.

2 Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi.

3 Wathi uSarayi, umka-Abram, wamthabatha uHagare um Yiputazana, umkhonzazana wakhe, emveni kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, wamnika uAbram indoda yakhe ukuba abe ngumkakhe.

4 Wamngena ke uHagare, wamitha; akubona ukuba umithi, inkosikazi yakhe yacukucezeka emehlweni akhe.

5 Wathi uSarayi kuAbram, Ukoniwa kwam makube phezu kwakho; umkhonzazana wam ndimnike mna esifubeni sakho; úthe akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.

6 Wathi uAbram kuSarayi, Yabona, umkhonzazana wakho usesandleni sakho; yenza kuye okulungileyo emehlweni akho. USarayi wamcinezela, wabaleka wemka ebusweni bakhe.

7 Ke kaloku isithunywa sikaYehova samfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, ngasemthonjeni osendleleni eya eShure.

8 Sathi, Hagare, mkhonzazana kaSarayi, uvela phi na, usiya phi na? Wathi, Ndibaleké ndemka ebusweni bukaSarayi, inkosikazi yam.

9 Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Buyela kwinkosikazi yakho, uzithobe phantsi kwesandla sayo.

10 Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho, ingàbalwa ngenxa yobuninzi.

11 Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona ùmithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli,* ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho.

12 Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.

13 Walibiza igama likaYehova, obethetha naye, wathi, ÙnguThixo ozibonakalisayo. Ngokuba wathi, Ndisabona na nalapha, emveni kokuba ndimbonile?

14 Ngenxa yoko walithiya elo qula igama lokuthi liQula likaPhila-ebonile; nâlo phakathi kweKadeshe neBherede.

15 UHagare wamzalela uAbram unyana; uAbram ukumthiya igama unyana wakhe, lowo abemzalele yena uHagare, wathi nguIshmayeli.

16 UAbram ubeminyaka imashumi asibhozo anamithandathu ezelwe, oko uHagare wamzalelayo uAbram uIshmayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50