Igenesis 9 XHO75

Unogumbe

1 UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.

2 Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikélwe esandleni senu.

3 Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.

4 Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.

5 Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.

6 Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wênziwa ngokomfanekiselo kaThixo.

7 Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.

8 Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,

9 Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,

10 nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi.

11 Ndiwumisé umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi.

12 Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni:

13 umnyàma wam ndiwubeké efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.

14 Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyàma lowo efini;

15 ndiwukhùmbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.

16 Umnyàma woba semafini ke, ndiwukhàngele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.

17 Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.

UNowa nomdiliya

18 Ke kaloku oonyana bakaNowa, ábaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.

19 Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.

20 UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.

21 Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.

22 UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuzé bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.

23 UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuzé bukayise.

24 Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.

25 Wathi,Makaqalekiswe uKanan,Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.

26 Wathi,Makabongwe uYehova uThixo kaShem,UKanan abe sisicaka kubo.

27 UThixo makamvulele uYafete,Ahlale ezintenteni zikaShem,UKanan abe sisicaka kubo.

28 Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mathathu anamanci mahlanu.

29 Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50