1 Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendiwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;
2 ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;
3 ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.
4 Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanu ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.
5 UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.
6 UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini* kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.
7 UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.