12 Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.
13 Ùze uthi, ùngudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.
14 Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.
15 Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.
16 Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.
17 UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.
18 UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?