17 UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.
18 UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?
19 Yini na ukuba uthi, ngudade wenu? Ndamthabatha ukuba abe ngumfazi wam. Ngoku ke nanko umkakho, mthabathe uhambe.
20 UFaro wawawisela umthetho amadoda ngaye; amkhapha yena nomkakhe, nezinto zakhe zonke.