12 UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.
13 Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.
14 Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;
15 ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;
16 ndiyènze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angáthi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.
17 Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.
18 Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini* kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.