12 Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.
13 Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini* kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.
14 Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.
15 Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakhe, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.
16 Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote umzalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.
17 Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.
18 UMelkitsedeke,* umkukani waseSalem, waphuma enesonka newayini; ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.